ESihlabeni kwa Garnet

ESihlabeni kwa Garnet LIQONGA APHO ABEMI BASE SIHLABENI BADIBANA KHONA BAXOXE NGEZINTO EZI TSHISI BUNZI BAKHANE NANGOKO LWAZI,LIQONGA APHO LIKUTHATHA LIKUBEKE KHONA.BEKIDLEBE

06/11/2025

Molo Mthandi nawe mlandeli welikhasi

Siyayazi sinqabile Kuba bekungekho nto esiza nayo
Ngentsimbi yesixhenxe ngalenjikalanga, sicela uxelele lona nalowa sisondele

Umxholo:Ulwaphumlo mthetho ludlangile eLalini imfuyo ikhutshwa ebuhlanti imizi engahlali bantu ayina gate. Singayilwa njani lento

Ixesha :19:00

Singathanda uva nezakho izimvu
Sithi isixhosa zemkinkomo magwalala ndin

SG
Ulwaphumlo mthetho

23/05/2025

Molweni nonke ngalentsasa yanamhlanje sithemba nisaphetheke ngenceba nangobubele,

Asinilahlanga koko sifuna elikhasi ibe elikhasi elixhoma izinto ezibalukekileyo, nezo zakhayo.

Sifuna nje ukuthi sisekhona kwaye asikasitheliswa kuni

-SG

❤️❤️❤️

17/01/2024
17/01/2024

Masibulise kwelikhasi iqonga apho abemi base Sihlabeni baxoxa ,baxhobisane bakhane kulo

Sinamkele nakulona unyaka sithemba sizoqhubana siphathane kakuhle njengesiqhelo

Siyayazi asisa xhomi nto ngoko zasithe soza Kuni Xa siniphathele into enizoxhamla kuyo okanye ulwazi ulunganincenda njalo njalo.

Isixhosa ke sithi ingomso uqala ulilungiselela namhlanje ngoko

Ziyavulwa lisukile namhlanje masibaxhase ngoku ukuze bakwazi ufumana iziphumo ezincomekayo Xa uphela unyaka

Bonke ke abafundi sibanqwenela impumelelo kwizifundo zabo

Team -SG

19/10/2023

Ntozakuthi oku kuzocela inxaso ubani aphose Oko anako ukwenzela olusuku lubeyimpumelelo

siyasazi Sonke lisiqubule kodwa ukhala akusimntu ndawo Koko sijongana nezisombululo

wawungu Mfundi wase Sihlabeni J.S.S

nangakumbi ukuba ABA balandelayo babekufundisile

Mrs Jebe
Mrs Nyalela
Ms Ganjana
Ms Somlota

khophose onako khangela u Heino Kula Post or Anele Heino Cekwana uyova kuye .

Team-SG

Masibulise kweliQonga sithemba nisaphatheke ngenceba nobubeleSiza nesisaziso Team-SG  ❤️
08/05/2023

Masibulise kweliQonga sithemba nisaphatheke ngenceba nobubele

Siza nesisaziso

Team-SG
❤️

24/10/2022

Masinibulise kweliqonga sithemba nisaphatheke ngenceba nobubele

Namhlanje sizoncedisana nolutsha lwale lali kuba lasungula umbutho wolutsha

Kulenyanga ke bebebiyozela ukuba e bank bene Mali egange +-10K bathethe ngoluhlobo ke

Ngoko umbuzo ukuwe wena uzongena nhaa?

Kuthiwa kwathiwa Ku Nowa mhakangene nesizukulwana sakhe Thina sithi ngena wedwa ngokwenza njalo nesizukulwana sakho sobe singene

Sinje sinje sinje

Khula mtana khula

Sibulela uYehova ngosixhasa
Sisacela nangoku asiphe amandla

10K sibulela ukuma sisacela nokuma nangakumbi

Team-SG 💫👌✨

08/07/2022

Masinibulise ngalentsasa
Sithemba nisaphatheke ngoxolo nangenceba kwezondawo nikuzo

Intlanganiso ka Masincedane

Umhla :09-07-2022

Ixesha :14:00

Indawo:Emi ecaweni

Team-SG

25/06/2022

Masinibulise namhlanje siqaphela impilo nezinto eziyichaphazelayo

Sele ibonakala njengonto eyamkelekileyo neqhelekuleyo into yobona abantwana betshaya

23% yabantwana abaneminyaka eyi 16-24 abatshayayo kwaye oku ekuhambeni kwexesha siyayazi kubakho iziphumo zoko

Masize ke kulena yethu ilali izinga lokutshaya sele silibonile liphezulu

Okokuqala masiqwabele izandla abantwana babelali ingentla ukuqala kwa Mamu Nontsasa unyuka uyoqhina entlakwendlela abantwana bakhona angaba mnye kwabalishumi umntana otshayayo into entle iyanconywa embi iyagxekwa

X**a sijonga Eli lingezantsi nabo bayatshaya kodwa kubantwana abahlanu mnye otshayayo

Size emanxiweni siyoqhina e 45 kubantwana abahlanu umnye ongatshayiyo Kubo

Into endizama ukuyiveza kuwe Mtana okanye Mzali ukuba unomtana oyinkwenkwe kwezindawo zazi uba umtana wakho uhlala phantsi naye njani nixhobisane

Nalu uloyiko akhontlobo itshaywayo ingekhoyo apha ingafumanekiyo khanizame ke ngabethu asikwazi ukubancama

07/06/2022

Masibulise ngale njikalanga yanamhlanje

Sithemba nisaphatheke ngoxolo nangenceba

Sizisa esi saziso


Intlanganiso ka Masincedane

Date 10 -06-2022

Ixesha. 14:00

Indawo: Kulo Sis Khululwa Pahlane

Wena ungekho apha uyofaka imali yakho usithumelele slip kulowo une number yakhe

Team -SG

13/05/2022

Masinibulise kwakhona sithemba sisaphatheke kakuhle apho ukhoyo

Njengesiqhelo ke Mhlali leloxesha loba sinikhumbuze ngentlanganiso ka Masincedane

Kulo Khululwa Pahlane
Ixesha 15:00
Umhla 14: May 2022

Team-SG entle ❤️

Address

45
Nqamakwe
4990

Telephone

07871475

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when ESihlabeni kwa Garnet posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Share